Imihobe YesiXhosa
Imihobe YesiXhosa yincwadi yengqokelela yemibongo ebhalwe ziimbongi ezahlukeneyo. Ichongelwe ukufundwa kwiBanga 12 kwaye izalisekisa zonke iimfuneko ze-CAPS.
Imihobe YesiXhosa:
- icwangiswe ngokwemixholo eyilwe lula nenesimo esilula
- iinkcukacha zobomi bembongi nganye zinceda abafundi ukuba bazi ubomi bayo namaxesha ayo ukuze baqonde ngcono imibongo yembongi leyo
- inenkcazelo-magama yemibongo ekugqibeleni kwencwadi ukunceda ukuqonda ngcono imibongo
- amanqaku okufundisa aya kunceda abafundi ukuba baqonde iingqiqo ezifunwa yikharityhulamu ekufundisweni kombongo ngokupheleleyo
- inemibuzo neempendulo ukunceda abafundi ukuba baziqhelise imibuzo nokumakisha iimpendulo zabo ngokusebenzisa iimpendulo ezicetyisiweyo kwisikhokhelo ngokubanzi.
Le ngqokelela iya kunceda abafundi ukuba bahlalutye nzulu isihobe kwaye baphumelele kwiimviwo.
