Ityala Lamawele

Amagqabantshintshi Ngebali

Le ncwadi “Ityala lamawele” yenye yeenoveli zokuqala ezathimba ihlombe lababhali besiXhosa ukuba babenomdla wokubhala iincwadi bephuhlisa inkcubeko nolwimi lwethu.Yincwadi enendumasi ngobuciko bokubhalwa ngobulumko nguS.E.K. Mqhayi kangangokuba akulula ukuba ityeshelwe kuba
phantse yonke iminyaka bonke ababhali akuvumi ukuba bangathi ngqu kuyo.

Ithwele ucwambu olububuchwephesha bokubonakalisa intlalo yakwaNtu ngobunjalo bayo. Ubuciko bokusetyenziswa kwendlela ebhalwe ngayo kuwexulela kwiingcinga zokuba libali eliyinyaniso, oku kudalwa bubuchule bendlela ayibhale ngayo kuba umongo wayo usekelwe kubomi obufana nobenyaniso.

Ukuyifunda kuvula ingqondo yokuba nokuba abantu bagazi linye kuyenzeka ukuba zibekho izinto abagilana ngazo nokuba bazalwa ngumntu omnye.
Njengoko noS.E.K Mqhayi esitsho,le noveli ibonisa imigudu inkxamleko nexesha elithatyathwayo ngamaXhosa xa alanda umthetho.

Uya kufumana isikhokhelo esikunika ulwazi oluthe vetshe ngebali olunjengolu:
Isakhiwo okanye iploti, abalinganiswa nendlela ababunjwa ngayo,impixano, umxholo webali, isimo sentlalo, ulwimi nesimbo sokubhala, amagqabantshintshi ngobomi bombhali nangebali eli.

Uhlolo luqulethe iimvavanyo neemviwo ezingumzekelo wokulindelekileyo kwiimviwo zokuphela konyaka.Inkcazelo yamagama anzima yenza ukuba umfundi angafuniseli apho axinge khona atsho azandisele ulwazi ngokufunda iincwadi ezisetyenzisiweyo xa bekuphicothwa incwadi le. Iyonke ke le
misebenzi ihambelana neemfuno ezikuxwebhu lweCaps.